Ekwinyanga yesihlanu ekhulelwe unyana wakhe wesibini uMercy ufumanise ukuba uneHlV, kodwa indoda yakhe uyixelele ngemeko akuyo sekuzelwe olu sana. Kwafuneka ndikhathalele uloyiko endandinalo kuqala ndinganikezeli kucinezeleko Iwengqondo olungeyomfuneko xa ndandikhulelwe, utshilo uMercy.
UMercy unesiva kwingalo yakhe apho watshiswa ngamanzi abilayo kwingxwabangxwaba nendoda yakhe akuyichazela ngemeko akuyo.
Wagxothwa emzini wakhe iinyanga ezintandathu, kodwa akazange axelele abazali okanye afune ikhusi kubo. uAndizange ndibe nesibindi sokufuna ukuphulukana nabo, ukhumbula oko.
Waya esibhedlele eyokufuna umsebenzi ukuze akhulise abantwana bakhe. Omnye woogqirha apho wayefuna umsebenzi wasemakhitshini. Ngaphambili bendingumphathi wevenkile enkulu, kwafuneka ndiphangele ekhitshini, utshilo uMercy. Ikratshi ndalibeka ecaleni
ndazikhumbuza ukuba okubalulekileyo kukuba ndonge imali ukuze ndikhulise unyana wam, uMercy uqhubeke watsho ezithobile.
Kwiinyanga ezintandathu zokuqala ephangela ekhitshini uMercy ufunde lukhulu kuba ugqirha abesebenza kuye ebeyincutshe kunyango lwabantwana abaneAids.
Kuthe kusenjalo indoda kaMercy yafuna unyango icinga fan ukuba idumbe iindimla. Kodwa ke kwafunyaniswa ukuba ineHlV yaza yafuna uMercy.

Wabuyela kuyo kuba eqonda ukuba abantwana bakhe kwakufuneka bakhe bachithe ixesha noyise. Kanti ke yena wayengokuphela komntu osondele kakhulu kuyo nonolwazi ngemeko yakhe yeHIV. Bobabini bafuna ululeko. Okokuqala saba neendibano zesondo ezikhuselekileyo, utshilo uMercy.
UMercy uqalise ukuxelela usapho lwakhe ukuba uneHIV. Ukhumbula oku: Bothuka. Umama wayesoyika nokundichukumisa oku, ndakujonga njengamava obomi. Kwakubang usizi, kodwa ndazama ukuba bandamkele.
Ngethamsanqa kuMercy, uyise oyimvumi yejazz eyaziwa kumazwe ngamazwe wamenywa ukuba azokucula eAmsterdam ukuze kunyuswe ingxowamali yokunceda abantu abaneHlV neAids. Engqongwe ngaba bantu eAmsterdam uyise wayiqonda imeko kaMercy.
Akubuyela kweli emva kokusweleka kwendoda kaMercy uyise walubiza usapho waluxelela ukuba uThixo umbonise okuza kwenzeka kuye ngokumthumela eAmsterdam.
Ngoku abakowethu bayaqonda kwaye bandixhasa bengenaloyiko, uvakalise oko uMercy.
Malunga nomzala wakhe uBasetsana Makhalemele uMercy uthi uyavuya kuba obefudula enguMiss South Afnca ubandakanyeke kwimiba enento yokwenza neAids, ingakumbi kuba le ngxaki ikho kusapho lwakhe. Kodwa ke uMercy akathandi ukusebenzisa udumo lwabanye, okanye uvelwano losapho lwakhe ukuze alwe neAids.
Umyalezo kaMercy kuluntu kukuba kufuneka Iukhuselwe luze luqonde ukuba kungenzeka nabani na ayichole iHIV enoba ungugqirha, umfundisi okanye umongameli.
Phofu ke, umntu onayo akufuneki angathandwa, angatshatwa okanye angazifumani iindibano zesondo. Konke oku kuyafuneka ngaphandle kokuba lowo uneHlV uyazithanda kwaye engafuni ukuba isasazeke nakwabanye. Ngokomthetho oku kunokubulala, utshilo uMercy. Kodwa ke utyibele wathi kuyafuneka ukusebenzisa iindlela zokuzikhusela.
Ndithetha nje ndenza amadinga nalowo ongenaHlV. Uyazi ukuba ndineHlV, utshilo uMercy.
Noko indlela esithandana ngayo inik umdla ibang ulonwabo njengakuso nasiphi na isibini, utshilo uMercy encumile.
Kodwa ke ndiyayazi imeko yokubukela iqabane lakho likrekrethwa yiAids, andifuni kumbangela angcungcutheke ngolo hlobo. Akakatshati, akanabantwana. Andingethandi ukuba angayifumani Ioo nyhweba yokuba ngutata kuba asinakuba neendibano ezingakhuselekanga, uvakalise oko uMercy.
Xa ephumle uMercy uyakuthanda ukubukela amaqela akhe ebhola ekhatywayo njengekaizer Chiefs neSundown okanye aphulaphule umculo wejazz noweklasikh.
Ukwadize nokuba uthanda ukuhlala eThekwini aze akhulise unyana wakhe. Uthe: Ndimnqwenelela okuhle.
Umnqweno wakhe ophambili kukuba abe ngumzekelo omhle kubantu abaneHlV nokuba ngamnye kubo abe nokuphumeza lukhulu. Ukuba kwenzeka ufe ngenxa yeHlV akubenzi bube mfiliba ubomi bakhe kuba kakade ubabona abantu besifa mihla le. Nakuba sikhe sibe buhlungu, sibe lusizi, sakuva ngokusweleka kothile, ubomi mabuqhubeke.
UMercy Makhalemele ungumzekelo omhle wokuba akunakuphelelwa lithemba xa uneHlV. Ulonwabo analo kufanele kunik ithemba kwabaneHlV neAids. Umsebenzi wakhe omhle sisiphumo esiqinisekileyo sokuba okunene uyiNgelosi yeNceba eMzantsi Afrika. 


 UMercy ngoku usebenza kwiNational Association of People Living with HlV and Aids (NAPWA). Amaphulo abo amaninzi malunga nokuqaphela iAIds ajoliswe kulutsha.



42 BONA XHOSA - September 1997


UCONSTANCE MTSHALI noNtombi
Masuku ngoomama ababini
abaselula abangezongelosi kwaye siyathemba abanakuba zizo! Bobabini baqhuba iilori kanti ke abafuna ukuba ziingelosi ngabaqhubi abangenankathalo.
Ilori eqhutywa nguConstance iyi-16 mitha ubude uthutha iimpahla eziya nezivela kwiZibuko laseThekwini. UNtombi yena uqhuba iibhasi zakwaDurban Transport. Bangamabhinqa abalasele ekuqhubeni iilori ezinemithwalo enzima.
Ukuqhuba ilori kwisixeko esiphithizela izithuthi akulula. Kufuneka balumkele okusondele kubo ngaphambili nangasemva. Nkqu nokuba ivili lokuqhuba lijika lula neegeri

Kubalisa kukwafota uEBONY MHLONGO
zizitshintsha, ezi lori zifuna ubulumko. Kanti ke uGonstance noNtombi
abanangxaki ekwenzeni umsebenzi wabo wokuqhuba.
Kukho nje isixhobo esincinane ezi ntwazana ezisibiza ngokuba nguntamnani ongaqondakali. Esi sisixhobo esicupha konke sishicilele umgama owuhambileyo nesantya obubaleka ngaso. Kanti ke sisenokuba ngumhlobo. Simbangele uNtombi abe nguMqhubi weNyanga, eli liphulo elikhuthazayo nelisungulwe yinkampani yabo.
Kukho okubalulekileyo okuluncedo ukuze ube ngumqhubi obalaseleyo. Kukho iindlela zokonga ipetroli ngokuwunyathela ngobulumko umcephe, nokungazinyatheli ngamandla iibhreki. Esi sixhobo sicupha konke sibhala enoba uyazenza kusini na ezo mpazamo, utshilo uNtombi. Omabini la maqobokazana anocwangciso olubalulekileyo. Indlela asebenza ngayo uConstance ilawulwa
Iinani leekhonteyina azithuthayo ngeyure, kanti uNtombi kufuneka abakhwel' ibhasi abafikise ngexesha.
La manenekazi asisibini esahlukileyo. Omabini ashiya imisebenzi yawo kwiifektri zempahla ukuze acoce izithuthi
 kulapho abandakanyeka ekuqhubeni.  Ayengazi ukuba aza kuba ngamaqobakazana atsal umdla ezindleleni. Kufuna nje abantu ababini abanesibindi ukuze kubonwe ukuba kunokwenziwa, babonisa ukuba bangamabhinqa ale mihla axhakamfula amathuba okulingana kumalungelo.
Kuqala, akukho namnye kuwo owayecinga ukuba unokwamkelwa kumsebenzi ekukhonya amadoda kuwo.
UConstance uyatsho ukuba upase kumsebenzi wokucoca waza wapasa nakowokuqhuba. Usebenze kwaSpoornet ngo-1985 njengomcoci weemoto waza wadluliselwa kwaPortnet ngo-1992 njengomcoci. Ubewuthanda umsebenzi wakhe, kodwa ebenqwenela ukuqhuba, ucele ishop steward ukuba ithethe nomphathi. Ungekapheli unyaka kamva, wabe seqhuba ilori eyi-20 tonner.
NoNtombi uqale njengomcoci webhasi. Unyuselwe emsebenzini wasiwa kwindawo yokugalela idiesel. lthuba lakhe lafika akucelwa ngabaphathi ukuba aqhube ibhasi kwiinzame zokunika abasetyhini amathuba.
UNtombi kufuneke atunde imephu yaseThekwini, indlela yokunyusa isantya, ukuthubeleza phakathi kwezithuthi eziphithizelayo kuba kufuneka agcine ixesha.
Okona kukhathazayo kuxa imvula isina ngamandla, izithuthi ziphithizela, xa okhwelayo enemali engaphelelanga, kufuneke ndibale nentshintshi. Akubi mnandi xa iirobhothi zikhanyisa bomvu newotshi ileqa intsimbi yesibhozo neofisi ikude lee, utshilo.
Uluntu luyavungama xa ibhasi isophuka ukanti nomqhubi webhasi kufuneka akwazi ukuqhagamshelana noluntu.
Xa ndishiywa lixesha ndiyangxengxeza ndiluxelele uluntu. Luyahlawula lilungelo labo ukwazi.
Sekuyiminyaka esixhenxe ngoku uNtombi eqhuba ibhasi, akazange enze ngozi.
Okuthandwa nguConstance liZibuko laseThekwini elixakekileyo.
UConstance unamabhongo. Uzimisele ukuvavanywa kwakhona, vavanyo olo lunokumbangela azuze enye ilayisensi enokumbangela atyhutyhatyhutyhe kweminye imimandla ethe qelele eThekwini. Ufuna ukuqhuba ilori erhuqa ngaphezu kweenqwelo enye kwanesilenge esithwala impahla.
Bobabini bangoomama nto leyo ethetha ukuba bayaphangela, kufuneka bapheke, bathenge baze bacoce. Kodwa bathi kubalulekile.
Akuthethi nto enoba singamadoda okanye abasetyhini, ukuba nje siyaphangela kwanele. Kuba siqhuba kakuhle, amadoda ayasamkela. Asizange sibe nengxaki, bobabini bangqinelene.

Amiqobokazana
Endlela
Umqhubi webhasi uNtombi  Masuka kufuneka abaphangeli abafikise ngexesha emsebenzIni enoba kuyana, kushushu okanye izithuthi ziphithizela.


44 BONA XHOSA - September 1997
Nakuba uDudu Lady D Khoza woKhozi FM kuligama elithandwayo engomnye weendwalutho abadumileyo, usoloko engumntu oqhelekileyo. Kodwa xa ethetha kwisikhululo sosasazo, uDudu ushiya abaphulaphuli bakhe bengenaxhala xa ebafundisa, ebachazela aze abonwabise. Kubalisa uAJITH BRIDGRAJ kufote uRAJESH JANTILAL.
U
DUDU upase imatriki eOhlange High School eNanda kweye-1970, ungumongikazi. Ngoku wenza unyaka wakhe wesibini kwisidanga sakhe seeMasters ufunda iValue Analysis and Policy Formulations kwiYunivesiti yaseStellenbosch.
Kukuba ngumongikazi okuye kwamvulela indlela yokusebenza kwisikhululo sosasazo. Amava akhe uwasebenzisa ekunikeni amacebiso njengondwendwe kwinkqubo yosasazo kodwa ekugqibeleni ude wanenye inkqubo yabasetyhini nabantwana kokwakufudula kuyiRadio Zulu ngo-1993.
UDudu uye waphumelela kwesi sikhululo waza wangumsasazi, iprodyusa nokuba ngomnye wabaphathi abane kwesi sikhululo. Abalasele kuko ziinkqubo zabasetyhini nabantwana.
Uyayithanda imisebenzi yoluntu kuba imbangela akwazi ukuqhagamshelana ngqo nabaphulaphuli besi sikhululo.
Ndonwaba kakhulu xa inkqubo yam isondeza abantu.
UDudu wonwaba kakhulu ekuyileni iinkqubo - ukususela ekuzisunguleni ukusa kuvutho-ndaba lwazo.
lmibandela yabasetyhini iseyeyona nto ayixhalabeleyo.
Ndiyakuthanda ukubona abasetyhini benenkqubela, benegalelo ekulawuleni, bethandana. Ukungakhathali phakathi kwabasetyhini kufana nomhlaza. Kodwa andinakuphelelwa Iithemba.
Uyakucaphukela ukubona ukungavani phakathi kwabasetyhini maxa wambi bengekaqhelani.
Umzekelo wakhe omhle nguWinnie Mahlangu obefudula esebenza naye. Ubebathanda abasetyhini awayesebenza nabo, unobuhlobo, Kukho umahluko ekubandakanyekeni kwakhe kwezabasetyhini nendlela azenza ngayo izinto, uchaze oko.
Kucwangciso lwakhe oluxakekileyo unalo ixesha lokubukela ITV, lokufunda iimagazini, ukukhenketha nokubutha nabahlobo bakhe abambalwa. Phofu ke, elona xesha lininzi ulichitha nendoda yakhe uBongani, noonyana babo ababini.
Uyavuma ukuba noko akangompheki odumileyo, ukhetha ibhrayi nanini na. Umculi amthandayo nguLuther Van Dross neyona ngoma ayithandayo kuye ithi Power of Love.
UDudu othanda okusefashonini uvumile ukuba uyakuthanda ukuthenga impahla. Kum ukuya ezivenkileni kufana nokuzonwabisa. Endikuthanda kakhulu kukuthenga iimpahla ezivela kwamanye amazwe.
lngomso ulicebele lukhulu, echaza ukuba yena neqabane asebenza nalo uZanele Mbokazi baza kuvula elabo ishishini. Kuyacaca ukuba la manenekazi mabini ade avana.
Side saqonda ukuba ngamnye kuthi uyafuneka kunokuba sibe sichukelana. Sobabini siyafana ngempembelelo, ukuzimisela nokubutha. Ukusebenza kwethu kUkhozi FM kuye kwaqinisa ubuhlobo bethu. Ngoku uZanele ufana nomsakwethu sifike kwinqanaba apho sikwazi ukuqonda kwangaphambili imo yomnye.
UDudu uzichaze njengomntu onobubele kodwa ocaphukayo maxa wambi. Kuba engumntu okhululekileyo uthi ukhe abone ezondwa ngabo basondele kuye.
Phofu ke, mna akukho nto ndiyifihlayo, andinanqala.
Ungumntu onolwavela okhawuleza alile ingakumbi xa kukho umntu ohlelwe yinto ebuhlungu.
Phofu ke, ndikufumanisa kunzima ukukubukela kumabonakude oko kwenzeka kubantu baseRwanda.
Kuba umsebenzi wam uyimfuneko, ndilangazelela ukuba usapho Iwam lumanyane, nabantwana bam bakhule bengaxhomekeke mntwini. Ndikwanqwenela ukuba indoda yam indixhase iqonde ingcinezelo yomsebenzi endiwenzayo.
Ekugqibeleni ubothulele umnqwazi abalandeli bakhe ngokunyaniseka kwabo kwisikhululo sakhe.
Ukubalasela kwesikhululo sethu sosasazo ngumzekelo omhle woku. Galelekani niqaqambe. Ndiza kuhlala ndinithanda.

